Ngokweyona nto ibalulekileyo kwimfundo ephucukileyo nokuphuhliswa kwezakhono, uNondyebo wePhondo leNtshona Koloni kunye neSebe leMfundo babambisene nenye yebhanki enkulu ephondweni, uNedbank ekunikezeni iibhasari kubafundi abayi-15.
Ibhasari yokhuphiswano lokubhala isincoko kubafundi beBakala 11 eyaqala ngo-2008, okokoko yathi yaqala yathi yanikeza ngebhasari ezixabisa i-R2.9 yezigidi zeerandi. Nawuphi na umfundi walapha eNtshona Koloni okwiBakala 11 oneenjongo zokuqhubela phambili ngezifundo zeziBalo, ezoQoqosho kunye neZifundo ngoBalo-mali angalunela olu khuphiswano.
Olu khuphiswano luyinxalenye yekharityhulam yeBakala 11 labafundi abayi-10 000 abafunda ezoQoqosho kunye nezoGcino-zincwadi. Kuzo zonke ezi zincoko, kwakhethwa abayi-76 abafakwa kuluhlu lokugqibela kolu khuphiswano kwaza kwakhethwa abayi-26 abaya kumagqibela- kankqoyi . Kolo luhlu abafundi abakhethiweyo abayi-15 emnye kubo uya kufumana ibhasari yokufundela isidanga / idiploma yeminyaka emithathu kwicandelo lezoqoqosho, ezezimali, ezezibalo nezobalo-mali , kula maziko emfundo ephakamileyo kwiiyunivesithi zalapha eNtshona Koloni. Ngaphandle kokuba ibhasari isisipho, kukho nesixa-mali esifunyanwa ngophume phambili esiyi-R10 000 yamawaka eerandi, ophume isibini uya kufumana i-R8 000 yamawaka eerandi, aze athi ophume isithathu afumane i-R6 500 yamawaka eerandi. Bonke ke abanye abalishumi elinesihlanu (15) emnye kubo uya kufumana isixa-mali esiyi-R2 000 yamawaka eerandi.
UNerita Kluyts ophume phambili, ovela kwisikolo samabanga aphezulu iBloemhof Girls High esiseStellenbosch, nozithetha zontathu iilwimi zalapha eNtshona Koloni isiAfrikaans, isiLungu nesiXhosa wasuka akabi namazwi luvuyo xa esamkela isipho sakhe kumsitho wokunika izipho obe ubanjelwe eKapa ngoMgqibelo, umhla we-14 kuTshazimpuzi ka-2015.
UShandre Jansen osuka kwisikolo samabanga aphezulu eGeorge (George High School) ophumelele kwindawo yesibini, kanti uCarla Hefer, naye osuka e Bloemhof Girls High School yena waphumelela kwindawo yesithathu.
UMphathiswa wezeziMali, uGqirha Ivan Meyer wachukunyiswa lizinga eliphezulu lokungenela kwabafundi elibonakalisa umgangatho / izinga labafundi balapha eNtshona Koloni. Uthe iNtshona Koloni izinikele ekubonakaliseni izinga lemfundo eliphezulu kubafundi balo yiyo loo nto iphondo lichitha i- 34.1% yolwabiwo oluya kwezeMfundo.
Uluhlu lwabaphumelele ibhasari ngo-2015
ABAPHUMELELE IBHASARI |
IBHASO ELIYIMALIE |
INDAWO |
ISIKOLO |
Nerita Kluyts |
R10 000 |
Ophume kwindawo yokuqala |
Bloemhof Girls High School |
Shandre Jansen |
R8000 |
Kweyesibini |
George High School |
Carla Hefer |
R6 500 |
Kweyesithathu |
Bloemhof Girls High School |
Anelisa Nodunyelwa |
R2000 |
|
Concordia High School |
Jenilee Maarman |
R2000 |
|
Bridgton Secondary School |
Jurie Zietsman |
R2000 |
|
Point High School |
Leah Harris |
R2000 |
|
Brackenfell High School |
Luzaan Lesch |
R2000 |
|
Tygerberg High School |
Marina Smuts |
R2000 |
|
Bloemhof Girls High School |
Naushaad Maharaj |
R2000 |
|
Rondebosch Boys High School |
Prudence Joka |
R2000 |
|
Masibambane Secondary School |
Ronell Robertson |
R2000 |
|
Outeniqua High School |
Schalk Marais |
R2000 |
|
Paul Roos Gymnasium |
Sherwin Joseph |
R2000 |
|
Esselenpark Secondary School |
Sonia Speelman |
R2000 |
|
Thembalethu High School |
Ngemibuzo yamajelo osasazo qhagamshelana nalo-:
Nicolaas van Aarde
Umnxeba: 021 483 3040
I-imeyile: nicolaas.vanaarde@westerncape.gov.za