Amashishini amancinci naphakathi askumacandelo ezolimo (agri-processing) ne-oli negesi eNtshona Koloni ayamenywa ukuba afake isicelo zoncedo kwiCape Capital Fund. Ingxowa-mali le sisibonelelo sokwabelana ngeendleko kwaye abaxhamli abavunyiweyo baza kulindeleka ukuba bafake igalelo eliphakathi kweepesenti ezingama-30% nezingama-50% kwiieendleko zephulo elamkelweyo.
Ingxowa-mali iza kuxhasa amaphulo ajolise:
Indlela
Bonke abafaki zicelo kufuneka babe:
Izicelo mazenziwe kwifomu elungiselelwe ezi zicelo zize ziphelekwe ngamaxwebhu axhasayo afunekayowa.
Ukuba ufuna iifomu zezicelo zeefomu kwaye unayo nemibuzo, nceda uqhagamshelane naba bantu:
USharief Davids 021 483 9112 |
UPeter-Jon Thebus 021 483 9026 |
Iifomu zesicelo zingafumaneka kule webhusayithi: http://www.westerncape.gov.za/assets/departments/economic-development-tourism/cape_capital_application_2015.pdf
Izicelo kufuneka zifakwe ingabethanga eye-12:00 ngoLwesihlanu, 22 kuCanzibe 2015.
Ngeposi: Mayithathelwe ingqalelo: NguSharief Davids okanye uPeter-Jon Thebus ISebe loPhuhliso loQoqosho noKhenketho PO Box 979 EKapa 8000 |
Ngesandla: Mayithathelwe ingqalelo: NguSharief Davids okanye uPeter-Jon Thebus ISebe loPhuhliso loQoqosho noKhenketho kuMgangatho we-10 Isakhiwo iWaldorf 80 St George’s Mall EKapa |
Azisayi kwamkelwa izicelo ezifakwe emva kwexesha. Zizicelo ezifunyenwe ngeposi okanye ngesandla eziza kwamkelwa. Izicelo ezithunyelwe ngefeksi okanye nge-imeyile azisayi kwamkelwa. Izicelo ezingagcwaliswanga ngokupheleleyo azisayi kwamkelwa.
Le Ngxowa-mali ayisayi kuwaxhasa amaphulo asele efumana inkxaso-mali karhulumente ngephulo elikwafana neli. Akukho mfaki-sicelo unalungelo lenkxaso-mali ngokuzenzekelayo; iSebe liyazikhethela amabayifumane inkxaso-mali.
Iifomu zesicelo zingafumaneka kule webhusayithi: http://www.westerncape.gov.za/assets/departments/economic-development-tourism/cape_capital_application_2015.pdf