UMphathiswa wezeMali uGqirha Ivan Meyer ubemele uRhulumente weNtshona Koloni kwiseshini yokutshintshwa kwegama lendlela i-Table Bay Boulevard ibizwe ngokuba yi-FW de Klerk Boulevard kwakunye nokuvuyisana nowayesakuba ngumongameli.
UMphicothi- zincwadi Jikelele woMzantsi Afrika (AGSA), UMnu Kimi Makwethu, kwiveki ephelileyo unike imbeko uNonyebo wePhondo leNtshona Koloni kunye namanye amaSebe alishumi apha eNtshona Koloni ngokufumana uphicotho zincwadi olungenachaphaaza kunyaka mali ka 2013/14.